Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 15:19-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. kothi ekudleni kwenu isonka selizwe, nirhumele uYehova umrhumo.

20. Nòrhuma umrhumo womgrayo wenu wokuqala, wenziwe umqhathane; njengomrhumo wesandá, nowenjenjalo ukuwurhuma.

21. Kuwo umgrayo wenu wokuqala, nomnika uYehova umrhumo ezizukulwaneni zenu.

22. Xa nithe nalahleka, anayenza le mithetho yonke ayithethileyo uYehova kuMoses,

23. zonke izinto uYehova aniwisele umthetho ngazo ngesandla sikaMoses, kususela kumhla uYehova awawisa umthetho, nasemva koko ezizukulwaneni zenu;

24. kothi, ukuba kuthe kwenzeka into ngokulahleka, ingàbonwa libandla, ibandla lonke lenze inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe linye, ibe lidini elinyukayo, ibe livumba elithozamisayo kuYehova, ndawonye nomnikelo walo wokudla, nomnikelo walo othululwayo, ngokwesiko; nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono;

25. alicamagushele umbingeleli lonke ibandla loonyana bakaSirayeli. Boxolelwa ke, ngokuba ibikukulahleka oku; bawuzisile bona umsondezo wabo, ukudla kwasemlilweni kuYehova, nedini labo lesono phambi koYehova ngenxa yokulahleka kwabo.

26. Loxolelwa ke lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu, ngokuba kubahlele oku abantu bonke ngokulahleka.

27. Ukuba ubani uthe wona ngokulahleka, wósondeza ibhokhwe elithokazi elimnyaka mnye, ibe lidini lesono;

28. umbingeleli acamagushele umphefumlo olahlekayo ngokona kwawo, ngokulahleka kwawo phambi koYehova. Ákuwucamagushela, woxolelwa ke.

29. Kozalwayo phakathi koonyana bakaSirayeli, nakumphambukeli ophambukele phakathi kwenu, woba mnye umyalelo kuni, ngokusingisele kowenza ngokulahleka.

30. Ke yena owenza ngesandla esiphakamileyo kwabazalelwe kuloo ndawo nakubaphambukeli, yena uyamnyelisa uYehova; loo mphefumlo ke wonqanyulwa, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.

31. Ngokuba ulidelile ilizwi likaYehova, uwaphule nomyalelo wakhe; loo mphefumlo wonqanyulwa kanye, ubugwenxa buphezu kwawo.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 15