Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 15:13-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Bonke abo bazalelwe kuloo ndawo baya kwenjenjalo kwezo zinto ekusondezeni kwabo ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova.

14. Xa athe waphambukela kuni umphambukeli, nokuba ngophakathi kwenu ezizukulwaneni zenu, wenza ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova: njengoko nenza ngako nina, uya kwenza ngako naye.

15. Ngokubhekisele kuso isikhungu, wóba mnye ummiselo kuni, nakumphambukeli ophambukele kuni, ummiselo ongunaphakade kwizizukulwana zenu. Njengoko ninjalo nina, woba njalo umphambukeli phambi koYehova.

16. Umyalelo woba mnye, nesiko loba linye kuni, nakumphambukeli ophambukele kuni.

17. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

18. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Ekufikeni kwenu ezweni elo ndinisa kulo,

19. kothi ekudleni kwenu isonka selizwe, nirhumele uYehova umrhumo.

20. Nòrhuma umrhumo womgrayo wenu wokuqala, wenziwe umqhathane; njengomrhumo wesandá, nowenjenjalo ukuwurhuma.

21. Kuwo umgrayo wenu wokuqala, nomnika uYehova umrhumo ezizukulwaneni zenu.

22. Xa nithe nalahleka, anayenza le mithetho yonke ayithethileyo uYehova kuMoses,

23. zonke izinto uYehova aniwisele umthetho ngazo ngesandla sikaMoses, kususela kumhla uYehova awawisa umthetho, nasemva koko ezizukulwaneni zenu;

funda isahluko epheleleyo Inumeri 15