Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 14:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Lonke ibandla laliphakamisa lalikhupha ilizwi lalo, balila abantu ngobo busuku.

2. Bonke oonyana bakaSirayeli babakrokrela ooMoses noAron; lathi kubo lonke ibandla, Akwaba besifele ezweni laseYiputa! Akwaba besifele nakule ntlango!

3. Yini na ukuba uYehova asizise kweli lizwe ukuze siwe likrele, abafazi nabantwana bethu babe lixhoba? Akusilungele na kanye ukuba sibuyele eYiputa?

4. Batshono ukuthi, Masizimisele umphathi, sibuyele eYiputa.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 14