Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 13:9-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. kwisizwe sakwaBhenjamin, ibinguPalti, unyana kaRafu;

10. kwisizwe sakwaZebhulon, ibinguGadiyeli, unyana kaSodi;

11. kwisizwe sakwaYosefu, esisisizwe sakwaManase, ibinguGadi, unyana kaSusi;

12. kwisizwe sakwaDan, ibinguAmiyeli, unyana kaGemali;

13. kwisizwe sakwa-Ashere, ibinguSeture, unyana kaMikayeli;

14. kwisizwe sakwaNafetali, ibinguNabhi, unyana kaVofesi;

15. kwisizwe sakwaGadi, ibinguGehuweli, unyana kaMaki.

16. Ngawo lawo amagama amadoda awawathumayo uMoses, ukuba aye kuhlola ilizwe. UMoses wathi uHosheya, unyana kaNun, nguYoshuwa.

17. Wawathuma ke uMoses, ukuba aye kuhlola ilizwe lakwaKanan, wathi kuwo, Nyukani nina ngasezantsi, ngale ndlela;

18. nyukani niye entabeni, nilikhangele ilizwe ukuba linjani na, nabantu abemi kulo, ukuba bomelele, bangamaphakuphaku, kusini na; bambalwa, baninzi, kusini na;

19. ukuba linjani na ilizwe abemi kulo, lihle, libi, kusini na; ukuba injani na imizi abemi kuyo, baseminqubeni, basezinqabeni, kusini na;

20. ukuba linjani na ilizwe elo, liyachuma, alichumi, kusini na; linemithi, alinayo, kusini na. Yomelelani, nize neziqhamo zelo zwe. Loo mihla yabe iyimihla yentlahlela yeediliya.

21. Enyuka ke, alihlola ilizwe, ethabathela entlango yaseTsin, esa eRehobhi, ekuyeni eHamati.

22. Enyuka ngezantsi, afike eHebron; babekhona ooAhiman, noSheshayi, noTalemayi, abenzalo ka-Anaki. Ke owaseHebron wawusewakhiwe iminyaka esixhenxe, ingekakhiwa iTsohan eYiputa.

23. Afika esihlanjeni sakwaEshekoli, anqumla khona isebe linesihloko seediliya sisinye, asithwala ngesibonda emabini; nakwiirharnate, nakumakhiwane enjenjalo.

24. Loo ndawo kwathiwa sisihlambo sakwaEshekoli,* ngenxa yesihloko eso basinqumla khona oonyana bakaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 13