Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 13:24-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Loo ndawo kwathiwa sisihlambo sakwaEshekoli,* ngenxa yesihloko eso basinqumla khona oonyana bakaSirayeli.

25. Abuya ekulihloleni ilizwe ekupheleni kweentsuku ezimashumi mané.

26. Eza afika kuMoses, nakuAron, nakwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, entlango yaseParan eKadeshe; azisa ilizwi kubo, nakwibandla lonke, ababonisa neziqhamo zelizwe elo.

27. Abaxelela athi, Safika kwelo zwe wasithuma kulo; inene, libaleka amasi nobusi; nazi neziqhamo zalo.

28. Kodwa banamandla abantu, abemi kwelo zwe; imizi inqatyisiwe, imikhulu kunene; kananjalo siboné abenzalo ka-Anaki khona.

29. Kumi ama-Amaleki ezweni lasezantsi; amaHeti namaYebhusi nama-Amori emi ezintabeni; amaKanan emi ngaselwandle nangecala laseYordan.

30. Wabazolisa uKalebhi abantu phambi koMoses, wathi, Masinyuke kwangoku, silihluthe; ngokuba siya kuleyisa kakade.

31. Ke amadoda abenyuke naye athi, Asinako ukunyuka siye kwabo bantu; ngokuba bomelele kunathi.

32. Ahambisa udaba olubi ngelo zwe abelihlolile koonyana bakaSirayeli, esithi, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elibadlayo abemi balo; abantu bonke esababonayo kulo babengabafo abade.

33. Sazibona khona iingxilimbela, oonyana baka-Anaki basezingxilimbeleni; sesuka emehlweni ethu saba njengemicikwane, sanjalo nasemehlweni abo.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 13