23. Afika esihlanjeni sakwaEshekoli, anqumla khona isebe linesihloko seediliya sisinye, asithwala ngesibonda emabini; nakwiirharnate, nakumakhiwane enjenjalo.
24. Loo ndawo kwathiwa sisihlambo sakwaEshekoli,* ngenxa yesihloko eso basinqumla khona oonyana bakaSirayeli.
25. Abuya ekulihloleni ilizwe ekupheleni kweentsuku ezimashumi mané.
26. Eza afika kuMoses, nakuAron, nakwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, entlango yaseParan eKadeshe; azisa ilizwi kubo, nakwibandla lonke, ababonisa neziqhamo zelizwe elo.
27. Abaxelela athi, Safika kwelo zwe wasithuma kulo; inene, libaleka amasi nobusi; nazi neziqhamo zalo.
28. Kodwa banamandla abantu, abemi kwelo zwe; imizi inqatyisiwe, imikhulu kunene; kananjalo siboné abenzalo ka-Anaki khona.
29. Kumi ama-Amaleki ezweni lasezantsi; amaHeti namaYebhusi nama-Amori emi ezintabeni; amaKanan emi ngaselwandle nangecala laseYordan.
30. Wabazolisa uKalebhi abantu phambi koMoses, wathi, Masinyuke kwangoku, silihluthe; ngokuba siya kuleyisa kakade.
31. Ke amadoda abenyuke naye athi, Asinako ukunyuka siye kwabo bantu; ngokuba bomelele kunathi.
32. Ahambisa udaba olubi ngelo zwe abelihlolile koonyana bakaSirayeli, esithi, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elibadlayo abemi balo; abantu bonke esababonayo kulo babengabafo abade.