Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 12:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bathetha ooMiriyam noAron ngoMoses ngenxa yendawo yenkazana engumKushikazi abeyizekile; ngokuba wayezeke inkazana engumKushikazi.

2. Bathi, UYehova uthethe ngoMoses yedwa yini na? Akathethanga nangathi na?

3. Weva uYehova. Ke indoda le inguMoses ibilulamile kunene kunabantu bonke abasemhlabeni.

4. Wathetha uYehova ngesiquphe kuMoses, nakuAron, nakuMiriyam, esithi, Phumani nina nobathathu, nize ententeni yokuhlangana; baphuma bobathathu.

5. Wehla uYehova ngomqulu welifu, wema emnyango wentente, wabiza ooAron noMiriyam; baphuma bobabini.

6. Wathi, Khanive amazwi am. Ukuba nithe nanomprofeti kaYehova, ndozazisa kuye ngombono, ndithethe kuye ephupheni.

7. Akanjalo umkhonzi wam uMoses; unyanisekile yena endlwini yam yonke.

8. Ndiya kuthetha naye umlomo kumlomo, ngokubonakalayo, kungabi ngantsonkotha; ásikhangele yena isimilo sikaYehova. Yini na ukuba ningoyiki ukuthetha ngomkhonzi wam uMoses?

funda isahluko epheleleyo Inumeri 12