Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 11:9-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ukuhla kombethe eminqubeni ebusuku, ibisithi ihle nayo imana kuyo.

10. Wabeva uMoses abantu belila ngokwemizalwane yabo, elowo emnyango wentente yakhe. Wavutha umsindo kaYehova kunene; kwakubi nasemehlweni kaMoses.

11. Wathi uMoses kuYehova, Yini na ukuba umphathe kakubi umkhonzi wakho lo? Yini na ukuba ndingàbabalwa nguwe, usuke uwubeke umthwalo waba bantu bonke phezu kwam?

12. Ndim na obakhawuleyo aba bantu bonke? Ndim na obazeleyo, ukuba uthi kum, Bathwale ngesifuba sakho, njengomondli ethwele umntwana owanyayo, ndibàse emhlabeni owawufungela ooyise?

13. Ndoyizuza phi na inyama, ndibanike bonke aba bantu? Ngokuba balila kum, besithi, Sinike inyama sidle.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 11