Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 11:2-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Bakhala abantu kuMoses; wathandaza uMoses kuYehova, wadamba umlilo.

3. Wathi igama laloo ndawo yiTabhera:* ngokuba watsha umlilo kaYehova phakathi kwabo.

4. Indibandiba ephakathi kwabo yakhanuka ikhanukile; babuya balila oonyana bakaSirayeli, bathi, Ngubani na oya kusinika inyama sidle.

5. Sikhumbula iintlanzi esibe sizidla eYiputa ngelizé, kwaneekomkomere,* neevatala, neelike,* namatswele, nekinofile.*

6. Kungoku umphefumlo wethu womile; akukho nento, yile mana* yodwa emehlweni ethu.

7. Imana leyo ibinjengeenkozo zekoriyandire;* ukubonakala kwayo bekunjengokubonakala kwebhedolaki.*

8. Babesithi saa abantu, bayibuthe, bayisile ematyeni, okunye bayingqushe ngezingqusho, bayipheke ngeembiza, benze amaqebengwana ngayo; isongo sayo saye sinjengesongo sesonkana esigalelwe ioli.

9. Ukuhla kombethe eminqubeni ebusuku, ibisithi ihle nayo imana kuyo.

10. Wabeva uMoses abantu belila ngokwemizalwane yabo, elowo emnyango wentente yakhe. Wavutha umsindo kaYehova kunene; kwakubi nasemehlweni kaMoses.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 11