Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 11:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Abantu babenjengabakhalazela ububi ezindlebeni zikaYehova. Weva uYehova, wavutha umsindo wakhe, watsha umlilo kaYehova phakathi kwabo, wadla esiphelweni seminquba.

2. Bakhala abantu kuMoses; wathandaza uMoses kuYehova, wadamba umlilo.

3. Wathi igama laloo ndawo yiTabhera:* ngokuba watsha umlilo kaYehova phakathi kwabo.

4. Indibandiba ephakathi kwabo yakhanuka ikhanukile; babuya balila oonyana bakaSirayeli, bathi, Ngubani na oya kusinika inyama sidle.

5. Sikhumbula iintlanzi esibe sizidla eYiputa ngelizé, kwaneekomkomere,* neevatala, neelike,* namatswele, nekinofile.*

6. Kungoku umphefumlo wethu womile; akukho nento, yile mana* yodwa emehlweni ethu.

7. Imana leyo ibinjengeenkozo zekoriyandire;* ukubonakala kwayo bekunjengokubonakala kwebhedolaki.*

8. Babesithi saa abantu, bayibuthe, bayisile ematyeni, okunye bayingqushe ngezingqusho, bayipheke ngeembiza, benze amaqebengwana ngayo; isongo sayo saye sinjengesongo sesonkana esigalelwe ioli.

9. Ukuhla kombethe eminqubeni ebusuku, ibisithi ihle nayo imana kuyo.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 11