1. Abantu babenjengabakhalazela ububi ezindlebeni zikaYehova. Weva uYehova, wavutha umsindo wakhe, watsha umlilo kaYehova phakathi kwabo, wadla esiphelweni seminquba.
2. Bakhala abantu kuMoses; wathandaza uMoses kuYehova, wadamba umlilo.
3. Wathi igama laloo ndawo yiTabhera:* ngokuba watsha umlilo kaYehova phakathi kwabo.
4. Indibandiba ephakathi kwabo yakhanuka ikhanukile; babuya balila oonyana bakaSirayeli, bathi, Ngubani na oya kusinika inyama sidle.
5. Sikhumbula iintlanzi esibe sizidla eYiputa ngelizé, kwaneekomkomere,* neevatala, neelike,* namatswele, nekinofile.*
6. Kungoku umphefumlo wethu womile; akukho nento, yile mana* yodwa emehlweni ethu.
7. Imana leyo ibinjengeenkozo zekoriyandire;* ukubonakala kwayo bekunjengokubonakala kwebhedolaki.*
8. Babesithi saa abantu, bayibuthe, bayisile ematyeni, okunye bayingqushe ngezingqusho, bayipheke ngeembiza, benze amaqebengwana ngayo; isongo sayo saye sinjengesongo sesonkana esigalelwe ioli.