Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 10:32-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Kothi, xa uthe wahamba nathi, kothi oko kulunga uYehova asenzela kona, sikwenzele kona nawe.

33. Banduluka ke entabeni kaYehova uhambo lwemihla emithathu, ityeya yomnqophiso kaYehova ihamba phambi kwabo uhambo lwemihla emithathu, ukubahlolela indawo abangalalisa kuyo.

34. Ilifu likaYehova laba phezu kwabo emini, ekundulukeni kwabo eminqubeni.

35. Kube kusakuthi ekundulukeni kwetyeya, athi uMoses, Vuka, Yehova; zichithachithe iintshaba zakho, basabe phambi kwakho abakuthiyayo:

36. kuthi ekulaliseni kwawo athi, Buyela, Yehova, kumawaka amawaka akwaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 10