Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 10:11-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kwathi ngomnyaka wesibini, ngenyanga yesibini, ngolwamashumi omabini enyangeni leyo, lenyuswa lemka ilifu phezu komnquba wesingqino.

12. Banduluka ke oonyana bakaSirayeli ngokweehambo zabo entlango yaseSinayi; lathi zinzi ilifu entlango yaseParan.

13. Banduluka ekuqaleni ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.

14. Kuqala ke kwanduluka ibhanile* yeminquba yoonyana bakaYuda, ngokwemikhosi yabo; inguNashon, unyana ka-Aminadabhi, phezu komkhosi wakhe;

15. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaIsakare inguNataniyeli, unyana kaTsuhare;

16. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaZebhulon inguEliyabhi, unyana kaElon.

17. Wawiswa umnquba; banduluka ke oonyana bakaGershon noonyana bakaMerari, bewuthwele umnquba.

18. Yanduluka ibhanile yeminquba yoonyana bakaRubhen ngokwemikhosi yabo; phezu komkhosi wakhe inguElitsure, unyana kaShedeyure;

19. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaSimon inguShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi;

20. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaGadi inguEliyasafu, unyana kaDehuweli.

21. Anduluka amaKehati, ethwele ingcwele. Babesithi ke âbaya bawumise umnquba engekafiki wona.

22. Yanduluka ibhanile yeminquba yoonyana bakaEfrayim, ngokwemikhosi yabo;

23. phezu komkhosi wakhe inguElishama, unyana ka-Amihude; phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaManase inguGamaliyeli, unyana kaPedatsure;

24. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaBhenjamin inguAbhidan, unyana kaGidiyoni.

25. Yanduluka ibhanile yeminquba yonyana bakaDan, umqoshelisi weminquba yonke ngokwemikhosi yayo;

26. phezu komkhosi wakhe inguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi; phezu komkhosi wesizwe soonyana baka-Ashere inguPagiyeli, unyana kaOkran;

27. phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaNafetali inguAhira, unyana kaEnana.

28. Kuko oko ukunduluka koonyana bakaSirayeli; banduluka ke ngokwemikhosi yabo.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 10