Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 1:9-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. kwaZebhulon: uEliyabhi unyana kaHelon;

10. koonyana bakaYosefu: kwaEfrayim: uElishama unyana ka-Amihudi; kwaManase: uGamaliyeli unyana kaPedatsure;

11. kwaBhenjamin: uAbhidan unyana kaGidiyoni;

12. kwaDan: uAhiyezere unyana ka-Amishadayi;

13. kwa-Ashere: uPagiyeli unyana kaOkran; kwaGadi:

14. uEliyasafu unyana kaDehuweli; kwaNafetali:

15. uAhira unyana kaEnan.

16. Ngabo abo babizwe libandla, abazizikhulu zezizwe zooyise, abaziintloko zamawaka akwaSirayeli bona.

17. OoMoses noAron bawathabatha loo madoda ahleliweyo ngamagama.

18. Balibizela ndawonye lonke ibandla ngolokuqala usuku lwenyanga yesibini, ukuba baxele ukuzalwa kwabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, ngokweentloko zabo.

19. Njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses, wababala entlango yaseSinayi.

20. Koonyana bakaRubhen, owamazibulo kaSirayeli, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, ngokweentloko zabo, yonke into eyindoda ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, inyuse, bonke abaphuma umkhosi:

21. abalwáyo kubo besizwe sakwaRubhen, baba ngamashumi amané anamathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.

22. Koonyana bakaSimon, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ababalwa kubo ngenani lamagama, ngokweentloko zabo, yonke into eyindoda ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, inyuse, bonke baphuma umkhosi:

funda isahluko epheleleyo Inumeri 1