Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 1:38-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

38. Koonyana bakaDan, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

39. ababalwáyo kubo besizwe sakwaDan, baba ngamashumi amathandathu anamabini amawaka, anamakhulu asixhenxe.

40. Koonyana baka-Ashere, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke baphuma umkhosi:

41. ababalwáyo kubo besizwe sakwa-Ashere, baba ngamashumi amané analinye amawaka, anamakhulu mahlanu.

42. Koonyana bakaNafetali, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

43. ababalwáyo kubo besizwe sakwaNafetali, baba ngamashumi amahlanu anamathathu amawaka, anamakhulu mané.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 1