Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 1:33-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. ababalwáyo kubo besizwe sakwaEfrayim, baba ngamashumi amané amawaka, anamakhulu mahlanu.

34. Koonyana bakaManase, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

35. ababalwáyo kubo besizwe sakwaManase, baba ngamashumi amathathu anamabini amawaka, anamakhulu mabini.

36. Koonyana bakaBhenjamin, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwenzindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

37. ababalwáyo kubo besizwe sakwaBhenjamin, baba ngamashumi amathathu anamahlanu amawaka, anamakhulu mané.

38. Koonyana bakaDan, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

39. ababalwáyo kubo besizwe sakwaDan, baba ngamashumi amathandathu anamabini amawaka, anamakhulu asixhenxe.

40. Koonyana baka-Ashere, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke baphuma umkhosi:

41. ababalwáyo kubo besizwe sakwa-Ashere, baba ngamashumi amané analinye amawaka, anamakhulu mahlanu.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 1