Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 1:25-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. ababalwáyo kubo besizwe sakwaGadi, baba ngamashumi amané anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu, anamanci mahlanu.

26. Koonyana bakaYuda, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

27. ababalwáyo kubo besizwe sakwaYuda, baba ngamashumi asixhenxe anamané amawaka, anamakhulu mathandathu.

28. Koonyana bakaIsakare, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

29. ababalwáyo kubo besizwe sakwa Isakare, baba ngamashumi amahlanu anamané amawaka, anamakhulu mané.

30. Koonyana bakaZebhulon, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

31. ababalwáyo kubo besizwe sakwaZebhulon, baba ngamashumi amahlanu anesixhenxe amawaka, anamakhulu mané.

32. Koonyana bakaYosefu: koonyana bakaEfrayim: inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

funda isahluko epheleleyo Inumeri 1