Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 1:17-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. OoMoses noAron bawathabatha loo madoda ahleliweyo ngamagama.

18. Balibizela ndawonye lonke ibandla ngolokuqala usuku lwenyanga yesibini, ukuba baxele ukuzalwa kwabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, ngokweentloko zabo.

19. Njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses, wababala entlango yaseSinayi.

20. Koonyana bakaRubhen, owamazibulo kaSirayeli, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, ngokweentloko zabo, yonke into eyindoda ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, inyuse, bonke abaphuma umkhosi:

21. abalwáyo kubo besizwe sakwaRubhen, baba ngamashumi amané anamathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.

22. Koonyana bakaSimon, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ababalwa kubo ngenani lamagama, ngokweentloko zabo, yonke into eyindoda ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, inyuse, bonke baphuma umkhosi:

23. ababalwáyo kubo besizwe sakwaSimon, baba ngamashumi amahlanu anesithoba amawaka, anamakhulu mathathu.

24. Koonyana bakaGadi, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

25. ababalwáyo kubo besizwe sakwaGadi, baba ngamashumi amané anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu, anamanci mahlanu.

26. Koonyana bakaYuda, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

27. ababalwáyo kubo besizwe sakwaYuda, baba ngamashumi asixhenxe anamané amawaka, anamakhulu mathandathu.

28. Koonyana bakaIsakare, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

funda isahluko epheleleyo Inumeri 1