Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 1:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, ententeni yokuhlangana, ngolokuqala usuku lwenyanga yesibini, ngomnyaka wesibini wokuphuma kwabo ezweni laseYiputa, esithi,

2. Thabathani inani lebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ngokwemizalwane yabo ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, yonke into eyindoda, ngokwentloko yayo.

3. Nothabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe ninyuse, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli; nibabale emlibeni ngokwemikhosi yabo, wena noAron;

4. kubekho nani indoda esizweni ngasinye, indoda eyintloko yendlu kayise.

5. Ngawo la amagama amadoda aya kuma nani: kwaRubhen: uElitsure unyana kaShediyure;

6. kwaSimon: uShelumiyeli unyana kaTsurishadayi;

7. kwaYuda: uNashon unyana ka-Aminadabhi;

8. kwaIsakare: uNathaniyeli unyana kaTsuhare;

9. kwaZebhulon: uEliyabhi unyana kaHelon;

10. koonyana bakaYosefu: kwaEfrayim: uElishama unyana ka-Amihudi; kwaManase: uGamaliyeli unyana kaPedatsure;

11. kwaBhenjamin: uAbhidan unyana kaGidiyoni;

12. kwaDan: uAhiyezere unyana ka-Amishadayi;

13. kwa-Ashere: uPagiyeli unyana kaOkran; kwaGadi:

14. uEliyasafu unyana kaDehuweli; kwaNafetali:

funda isahluko epheleleyo Inumeri 1