Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 9:12-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ngokuba umntu akalazi nexesha lakhe; njengeentlanzi ezibanjiswe ngomnatha ombi, nanjengeentaka ezibanjiswe ngomgibe, banjalo ukurhintyelwa kwabo oonyana babantu ngexesha elibi, xa libawele ngesiquphe.

13. Nale nto ndiyibone ibubulumko phantsi kwelanga, babukhulu kum:

14. umzi omncinane unamadoda ambalwa; kweza kuwo ukumkani omkhulu, wawungqinga, wawakhela iimboniselo ezinkulu.

15. Wafumana kuwo indoda elihlwempu inobulumko; yona yawusiza umzi ngobulumko bayo; ke akubangakho mntu ubuya ayikhumbule le ndoda ilihlwempu.

16. Ndathi ke mna, Bulunge ubulumko ngaphezu kobugorha; kodwa ubulumko beli hlwempu budelekile, namazwi alo akaviwa.

17. Amazwi ezilumko, eviwe ngokuthozama, angaphezu kokunkqangaza kolawula phakathi kwezidenge.

18. Bulunge ubulumko ngaphezu kweempahla zokulwa; ke yena umoni emnye utshabalalisa okulungileyo okuninzi.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 9