Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 9:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngokuba yonke le nto ndayinyamekela ngentliziyo yam, ndayihléla yonke le nto, yokuba amalungisa, nezilumko, nemisebenzi yabo, isesandleni sikaThixo; nokuthanda nokuthiya, akukhona ekwazini kwabantu; le nto yonke basebeyimiselwe.

2. Izinto zonke zibahlèla ngokufanayo bonke: sinye isihlo kwilungisa nakongendawo; kolungileyo, kohlambulukileyo, nakoyinqambi; kobingelelayo nakongabingeleliyo; njengoko anjalo olungileyo, unjalo nomoni; ofungayo unjengalowo ukoyikayo ukufunga.

3. Le yinto embi phakathi kwezinto zonke ezenzekayo phantsi kwelanga, ukuthi sibe sinye isihlo kubo bonke; ibe nentliziyo yoonyana babantu izele bububi; ibubugeza entliziyweni yabo besadla ubomi; emveni kwabo kuyiwa kwabafileyo.

4. Ngokuba kosukuba ehlonyelwa kwabasadla ubomi, kusekho ithemba; ngokuba inja esaphilileyo ilunge ngaphezu kwengonyama efileyo.

5. Ngokuba abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo àbazi lutho, àbasabi namvuzo; ngokuba balityelwe, àbasakhunjulwa nganto.

6. Seluphelile kade uthando lwabo, nentiyo yabo, nekhwele labo; àbasenasabelo naphakade ezintweni zonke ezenzekayo phantsi kwelanga.

7. Yiya udle isonka sakho unovuyo, usele iwayini yakho unentliziyo echwayithileyo; ngokuba sekukade ekholisiwe uThixo zizenzo zakho.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 9