Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 7:9-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Musa ukukungxamela ukuqumba ngomoya wakho, ngokuba ingqumbo ilala esifubeni sezidenge.

10. Musa ukuthi, Ibiyini na, le nto imihla yamandulo ibilungile ngaphezu kwale? ngokuba akuthabatheli ebulumkweni ukuyibuza loo nto.

11. Bulungile ubulumko, bunelifa, bulilungelo kwabalibonayo ilanga.

12. Ngokuba ubulumko bungumthunzi, imali ingumthunzi; ke ukugqithisela kokwazi, kukuba ubulumko buyabasindisa abo banabo.

13. Wukhangele umsebenzi kaThixo; ngokuba ngubani na onokolula into ayenzé yagoso?

14. Ngomhla wentsikelelo chwayitha, nangomhla wobubi qonda kakuhle, ukuba naló, kwanjengalowa, wenziwe nguThixo, ngenxa enokuba umntu engafumani nto emva kwakhe.

15. Le nto yonke ndiyibonile ngemihla yam engamampunge: kubàkho ilungisa elitshabalalayo noko linobulungisa, kubekho ongendawo ophila ixesha elide, noko angendawo.

16. Musa ukuba lilungisa ngokukhulu, ungabi sisilumko ngokugqithiselelyo; yini na ukuba uziphanzise?

17. Musa ukuba ngongendawo ngokukhulu, ungazenzi isidenge; yini na ukuba ufe lingekabi lixesha lakho?

18. Kulungile ukuba ubambelele kule nto nakuleya, ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba owoyika uThixo uphumelela kuzo zonke ziphela.

19. Ubulumko buyasiqinisa isilumko, ngaphezu kweshumi labanegunya abakulo mzi.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 7