Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 7:21-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Kananjalo musa ukuyinikela intliziyo yakho kumazwi onke athethwayo, ukuze ungevi umkhonzi wakho, eselekutshabhisa;

22. ngokuba intliziyo yakho nayo iyazi izihlandlo ezininzi, ukuba ùyabatshabhisa abanye nawe.

23. Ezo zinto zonke ndizilingile ngobulumko; ndathi ndiya kulumka; ke bona baba kude kum.

24. Hayi, ukuba kude kwezinto ezikhoyo, zinzulu kakhulu; ngubani na oya kuzifumana?

25. Ndajika ke mna, ndanentliziyo enga ingázi, ingásingasinga, ifume ubulumko nesigqibo seengcinga; enga ingákwazi okungendawo ukuba kukunyaba, nokumatha ukuba kukugeza.

26. Ndayifumana ikrakra ngaphezu kokufa, inkazana eyiyimigibe iphela, ezizibatha intliziyo yayo, ezandla zingamakhamandela; olungileyo phambi koThixo uya kusínda kuyo, ke yena umoni uya kubanjiswa yiyo.

27. Yabona into endiyifumeneyo, itsho iNtshumayeli, ndihloma enye kwenye, ukuba ndifumane isigqibo seengcinga;

28. obumana ukuyifuna umphefumlo wam, ndingayifumani, nantsi: indoda enye ewakeni ndiyifumene, ke yona inkazana kulo lonke andiyifumananga.

29. Yabona, le nto yodwa ndiyifumene, yokuba uThixo wamenza umntu wathi tye; ke bona bafune ubuqili obuninzi.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 7