Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 7:12-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ngokuba ubulumko bungumthunzi, imali ingumthunzi; ke ukugqithisela kokwazi, kukuba ubulumko buyabasindisa abo banabo.

13. Wukhangele umsebenzi kaThixo; ngokuba ngubani na onokolula into ayenzé yagoso?

14. Ngomhla wentsikelelo chwayitha, nangomhla wobubi qonda kakuhle, ukuba naló, kwanjengalowa, wenziwe nguThixo, ngenxa enokuba umntu engafumani nto emva kwakhe.

15. Le nto yonke ndiyibonile ngemihla yam engamampunge: kubàkho ilungisa elitshabalalayo noko linobulungisa, kubekho ongendawo ophila ixesha elide, noko angendawo.

16. Musa ukuba lilungisa ngokukhulu, ungabi sisilumko ngokugqithiselelyo; yini na ukuba uziphanzise?

17. Musa ukuba ngongendawo ngokukhulu, ungazenzi isidenge; yini na ukuba ufe lingekabi lixesha lakho?

18. Kulungile ukuba ubambelele kule nto nakuleya, ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba owoyika uThixo uphumelela kuzo zonke ziphela.

19. Ubulumko buyasiqinisa isilumko, ngaphezu kweshumi labanegunya abakulo mzi.

20. Ngokuba akukho mntu ulilungisa ehlabathini, wenza okulungileyo, angoni.

21. Kananjalo musa ukuyinikela intliziyo yakho kumazwi onke athethwayo, ukuze ungevi umkhonzi wakho, eselekutshabhisa;

22. ngokuba intliziyo yakho nayo iyazi izihlandlo ezininzi, ukuba ùyabatshabhisa abanye nawe.

23. Ezo zinto zonke ndizilingile ngobulumko; ndathi ndiya kulumka; ke bona baba kude kum.

24. Hayi, ukuba kude kwezinto ezikhoyo, zinzulu kakhulu; ngubani na oya kuzifumana?

25. Ndajika ke mna, ndanentliziyo enga ingázi, ingásingasinga, ifume ubulumko nesigqibo seengcinga; enga ingákwazi okungendawo ukuba kukunyaba, nokumatha ukuba kukugeza.

26. Ndayifumana ikrakra ngaphezu kokufa, inkazana eyiyimigibe iphela, ezizibatha intliziyo yayo, ezandla zingamakhamandela; olungileyo phambi koThixo uya kusínda kuyo, ke yena umoni uya kubanjiswa yiyo.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 7