Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 7:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Igama elilungileyo lingaphezulu nakwioli elungileyo; ulungile umhla wokufa ngaphezu komhla wokuzalwa komntu.

2. Kulungile ukuya endlwini yesijwili kunokuya endlwini yemigidi; kuba oko kukuphela kwabantu bonke, aze ophilileyo akunyamekele ngentliziyo oko.

3. Kulungile ukuba nosizi ngaphezu kokuhleka; ngokuba intliziyo iyalunga bububi bobuso.

4. Intliziyo yezilumko isendlwini yesijwili; ke intliziyo yezidenge isendlwini yovuyo.

5. Kulungile ukuva ukukhalimela kwesilumko, kunokuba umntu eve ingoma yezidenge.

6. Ngokuba njengokuqhuqhumba kwevaba ngaphantsi kwembiza, kunjalo ukuhleka kwesidenge; naloo nto ingamampunge.

7. Ngokuba ukucudisa kugezisa isilumko, siyitshabalalise intliziyo isicengo.

8. Kulungile ukugqitywa kwendawo, ngaphezu kokuqalwa kwayo; ulungile umoya ozeka kade umsindo, kunomoya ozidlayo.

9. Musa ukukungxamela ukuqumba ngomoya wakho, ngokuba ingqumbo ilala esifubeni sezidenge.

10. Musa ukuthi, Ibiyini na, le nto imihla yamandulo ibilungile ngaphezu kwale? ngokuba akuthabatheli ebulumkweni ukuyibuza loo nto.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 7