Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 6:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. kananjalo ayilibonanga ilanga, ayilazanga; le yona ilungile kunomntu lowo.

6. Nokuba ebeya kudla ubomi iwaka leminyaka kude kube kabini, angàkuboni okulungileyo, ayiyi ndaweni-nye na yonke loo nto?

7. Yonke imigudu yomntu uyenzela umlomo wakhe; ukanti umphefumlo awuzali.

8. Ngokuba isilumko sisigqitha ngantoni na isidenge? Usigqitha ngantoni na olusizana, okwaziyo ukuhamba phambi kwabaphilileyo?

9. Kulungile ukubona kwamehlo ngaphezu kokuhambahamba komphefumlo. Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya.

10. Loo nto iselikho, yabe iselithiywe kade igama layo; yaziwa into aya kuba yiyo umntu; akanakumelana nalowo unokumeyisa.

11. Ngokuba kukho amazwi amaninzi nje, andisa amampunge; umntu unalungelo lini na ngaloo nto?

12. Ngokuba ngubani na owaziyo okumlungelelyo umntu ebomini, ngangenani lemihla yobomi bakhe obungamampunge, ayigqiba njengesithunzi? Ngokuba ngubani na onokumxelela umntu into eya kubakho emva kwakhe phantsi kwelanga?

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 6