Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 5:8-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ukuba uthe wakubona ukucudiswa kwehlwempu, nokuhluthwa kokusesikweni nobulungisa elizweni, musa ukumangaliswa yiloo nto; ngokuba oyena uphakamileyo ukhangele phezu kophakamileyo; kukho abaphakamileyo naphezu kwabo.

9. Ilungelo lelizwe entweni yonke ngukumkani onyamekela umhlaba.

10. Othanda isilivere akaneliswa yisilivere; nalowo uthanda intabalala, akangenelwa nto. Kwanaloo nto ingamampunge.

11. Ekwandeni kwezinto ezilungileyo bayanda abazidlayo zona, abe umninizo enempumelelo eyini na, ingekuko ukwanela ukuzibona ngamehlo?

12. Bumnandi ubuthongo bosebenzayo, nokuba incinane, nokuba ininzi into ayidlayo; ke intabalala yesityebi ayisivumeli ukuba silale buthongo.

13. Kukho ububi obusisifo, endibubonileyo phantsi kwelanga; ukuthi ubutyebi obugcinelwe umninibo, bube nobubi kuye;

14. obo butyebi butshabalala ngento embi; uzala unyana, engenayo nento esandleni sakhe.

15. Njengokuba waphuma esizalweni sonina ezé, uya kubuya emke njengoko weza enjalo, angàthabathi nento ngemigudu yakhe, angáyiphathayo ngesandla sakhe.

16. Kwanale nto bububi obusisifo, ukuba eya kumka kanye kwanjengoko weza ngako: unalungelo lini na ke owaphukela umoya?

17. Kananjalo iimini zakhe zonke uzidlela emnyameni, enengqumbo enkulu, nesifo, noburhalarhume.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 5