5. Kulungile ukuba ungabhambathisi, kunokuba ubhambathise ungazalisi.
6. Musa ukuwuvumela umlommo wakho, ukuba uyonise inyama yakho; ungàtsho phambi komthunywa kaThixo ukuthi ibikukulahleka. Yini na ukuba uThixo abe noburhalarhume ngezwi lakho asonakalise isenzo sezandla zakho?
7. Ngokuba ebuninzini bamaphupha namazwi, maninzi amampunge; ke yoyika uThixo.
8. Ukuba uthe wakubona ukucudiswa kwehlwempu, nokuhluthwa kokusesikweni nobulungisa elizweni, musa ukumangaliswa yiloo nto; ngokuba oyena uphakamileyo ukhangele phezu kophakamileyo; kukho abaphakamileyo naphezu kwabo.
9. Ilungelo lelizwe entweni yonke ngukumkani onyamekela umhlaba.
10. Othanda isilivere akaneliswa yisilivere; nalowo uthanda intabalala, akangenelwa nto. Kwanaloo nto ingamampunge.
11. Ekwandeni kwezinto ezilungileyo bayanda abazidlayo zona, abe umninizo enempumelelo eyini na, ingekuko ukwanela ukuzibona ngamehlo?