Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 5:5-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Kulungile ukuba ungabhambathisi, kunokuba ubhambathise ungazalisi.

6. Musa ukuwuvumela umlommo wakho, ukuba uyonise inyama yakho; ungàtsho phambi komthunywa kaThixo ukuthi ibikukulahleka. Yini na ukuba uThixo abe noburhalarhume ngezwi lakho asonakalise isenzo sezandla zakho?

7. Ngokuba ebuninzini bamaphupha namazwi, maninzi amampunge; ke yoyika uThixo.

8. Ukuba uthe wakubona ukucudiswa kwehlwempu, nokuhluthwa kokusesikweni nobulungisa elizweni, musa ukumangaliswa yiloo nto; ngokuba oyena uphakamileyo ukhangele phezu kophakamileyo; kukho abaphakamileyo naphezu kwabo.

9. Ilungelo lelizwe entweni yonke ngukumkani onyamekela umhlaba.

10. Othanda isilivere akaneliswa yisilivere; nalowo uthanda intabalala, akangenelwa nto. Kwanaloo nto ingamampunge.

11. Ekwandeni kwezinto ezilungileyo bayanda abazidlayo zona, abe umninizo enempumelelo eyini na, ingekuko ukwanela ukuzibona ngamehlo?

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 5