Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 5:12-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Bumnandi ubuthongo bosebenzayo, nokuba incinane, nokuba ininzi into ayidlayo; ke intabalala yesityebi ayisivumeli ukuba silale buthongo.

13. Kukho ububi obusisifo, endibubonileyo phantsi kwelanga; ukuthi ubutyebi obugcinelwe umninibo, bube nobubi kuye;

14. obo butyebi butshabalala ngento embi; uzala unyana, engenayo nento esandleni sakhe.

15. Njengokuba waphuma esizalweni sonina ezé, uya kubuya emke njengoko weza enjalo, angàthabathi nento ngemigudu yakhe, angáyiphathayo ngesandla sakhe.

16. Kwanale nto bububi obusisifo, ukuba eya kumka kanye kwanjengoko weza ngako: unalungelo lini na ke owaphukela umoya?

17. Kananjalo iimini zakhe zonke uzidlela emnyameni, enengqumbo enkulu, nesifo, noburhalarhume.

18. Nantsi into endiyibonileyo mna, ilungile, intle: into yokuthi umntu adle, asele, abone okulungileyo ngemigudu yakhe yonke aphuka yiyo phantsi kwelanga, ngokwenani lemihla yobomi bakhe amnikileyo uThixo, ngokuba kusisabelo sakhe oko.

19. Kananjalo wonke umntu, athe uThixo wamnika ubutyebi nokuqweba, wamnika negunya lokudla kubo, athabathe isabelo sakhe, avuye emigudwini yakhe: sisipho sikaThixo eso.

20. Ngokuba akayikhumbuli kakhulu imihla yobomi bakhe; ngokuba uThixo eluphendula uvuyo lwentliziyo yakhe.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 5