Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 4:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndabuya ke mna, ndakubona konke ukucudisa okwenziwayo phantsi kwelanga. Ndazibona iinyembezi zabacudisiweyo, bengenamthuthuzeli; esandleni sabacusisi babo kuphuma ububhovubhovu, bengenamthuthuzeli bona.

2. Ndabancoma ke mna abafileyo, abasebefe kade, kunabahleliyo abasahleliyo ngoku.

3. Ke ulungile kunabo bobabini lowo ungekabikho, ungakubonanga ukwenza okubi okwenziwa phantsi kwelanga.

4. Kananjalo ndayiqonda ke mna yonke imigudu, nayo yonke impumelelo yomsebenzi, ukuba ingumona wokwanyelana. Kwanaloo nto ingamampunge, nokusukelana nomoya.

5. Isinyabi sikhwabusha izandla, sidle kwaeyaso inyama.

6. Kulungile ukuzalisa sandla sinye ngokuphumla, kunokuzalisa zozibini izandla ngemigudu nokusukelana nomoya.

7. Ndabuya mna ndabona amampunge phantsi kwelanga.

8. Kukho oba yedwa, ongenaye owesibini, ongenanyana namzalwana; ingenasiphelo imigudu yakhe yonke, angahluthiyo noko bubutyebi amehlo akhe. Akatsho ukuthi, Ndaphukela bani na, ndiwuhlutha nje umphefumlo wam okulungileyo? Kwanaloo nto ingamampunge, ingumzamo ombi yona.

9. Kulungile ukuba babe ngababini kunokuba abe mnye, kuba banomvuzo olungileyo ngemigudu yabo.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 4