1. Ndabuya ke mna, ndakubona konke ukucudisa okwenziwayo phantsi kwelanga. Ndazibona iinyembezi zabacudisiweyo, bengenamthuthuzeli; esandleni sabacusisi babo kuphuma ububhovubhovu, bengenamthuthuzeli bona.
2. Ndabancoma ke mna abafileyo, abasebefe kade, kunabahleliyo abasahleliyo ngoku.
3. Ke ulungile kunabo bobabini lowo ungekabikho, ungakubonanga ukwenza okubi okwenziwa phantsi kwelanga.