Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 3:4-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. ukulila kunexesha lako; ukuhleka kunexesha lako; kukho ixesha lokulila umbambazelo, kukho nexesha lokudloba;

5. kukho ixesha lokuchithachitha amatye, kukho nexesha lokufumba amatye; ukuwola kunexesha lako, ukuyeka ukuwola kunexesha lako;

6. ukufuna kunexesha lako, ukulahlekelwa kunexesha lako; ukugcina kunexesha lako, ukulahla kunexesha lako;

7. ukukrazula kunexesha lako, ukuthunga kunexesha lako; ukuthi cwaka kunexesha lako, ukuthetha kunexesha lako;

8. ukuthanda kunexesha lako, ukuthiya kunexesha lako; kukho ixesha lemfazwe, kukho nexesha loxolo.

9. Ùnalungelo lini na lowo usebenzayo, kuloo nto ayenzela imigudu?

10. Ndiwubonile umzamo, awuniké oonyana babantu uThixo, ukuba bawuzame.

11. Zonke izinto uzenzé zantle ngexesha lazo; kwanephakade ulinikele ezintliziyweni zabo ngohlobo lokuba umntu angasifumani isenzo asenzayo uThixo, athabathele ekuqaleni ade ase ekupheleni.

12. Ndiyazi ke ukuba akukho nto ilungileyo phakathi kwabo, ingekukuvuya nokuzizuzela okulungileyo ebomini babo.

13. Kwanokuba wonnke umntu adle, asele, abone okulungileyo emigudwini yakhe yonke: sisipho sikaThixo eso.

14. Ndiyazi ke ukuba yonke into aya kuyenza uThixo, yiyo eya kuba ngonaphakade; kungòngezwa nto kuyo, kungàcatshulwa nto kuyo; uThixo ukwenzela ukuba koyikwe ebusweni bakhe.

15. Le nto ikhoyo ibiselikho kade; nento eya kubakho ibiselikho kade. UThixo ke ubuya ayifune into egxothiweyo.

16. Ndabuya ndabona phantsi kwelanga indawo yokugweba, ukuba okungendawo kukhona; nendawo yobulungisa, ukuba okungendawo kukhona.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 3