20. Zonke ezo nto ziya ndaweni-nye; zonke ezo nto zavela eluthulini, zonke ezo nto zibuyela eluthulini.
21. Ngubani na owaziyo umoya woonyana babantu, ukuba uyenyuka na uye phezulu; nomoya wenkomo, ukuba uyehla na uye phantsi emhlabeni?
22. Ndaqonda ke ukuba akukho nto ilunge ngaphezu kokuba umntu avuye ezenzweni zakhe; ngokuba kusisabelo sakhe oko. Ngokuba uya kungeniswa ngubani na, ukuba akubone okuya kubakho emveni kwakhe?