Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 3:15-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Le nto ikhoyo ibiselikho kade; nento eya kubakho ibiselikho kade. UThixo ke ubuya ayifune into egxothiweyo.

16. Ndabuya ndabona phantsi kwelanga indawo yokugweba, ukuba okungendawo kukhona; nendawo yobulungisa, ukuba okungendawo kukhona.

17. Ndathi mna entliziyweni yam, Nolilungisa nongendawo, uThixo uya kulithetha ityala labo; ngokuba umise ixesha layo yonke imicimbi, nazo zonke izenzo.

18. Ndathi mna entliziyweni yam, Kungenxa yoonyana babantu, ukuze uThixo abahlèle, nokuze bazibone benjengeenkomo bona ngokwabo.

19. Ngokuba bayahlelwa oonyana babantu, xiyahlelwa neenkomo, sinye isihlo kubo nakuzo; njengoko kunjalo ukufa kwabo, kunjalo ukufa kwazo; mnye umoya kubo bonke nakuzo zonke; akukho kuyigqitha komntu inkomo; ngokuba zonke ezo nto zingamampunge.

20. Zonke ezo nto ziya ndaweni-nye; zonke ezo nto zavela eluthulini, zonke ezo nto zibuyela eluthulini.

21. Ngubani na owaziyo umoya woonyana babantu, ukuba uyenyuka na uye phezulu; nomoya wenkomo, ukuba uyehla na uye phantsi emhlabeni?

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 3