Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 3:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Into yonke inexesha elimisiweyo, nomcimbi wonke unexesha lawo phantsi kwezulu:

2. ukuzala kunexesha lako, ukufa kunexesha lakop ukutyala kunexesha lako, ukunyothula okutyelweyo kunexesha lako;

3. ukubulala kunexesha lako, ukuphilisa kunexesha lako; ukuchitha kunexesha lako, ukwakha kunexesha lako;

4. ukulila kunexesha lako; ukuhleka kunexesha lako; kukho ixesha lokulila umbambazelo, kukho nexesha lokudloba;

5. kukho ixesha lokuchithachitha amatye, kukho nexesha lokufumba amatye; ukuwola kunexesha lako, ukuyeka ukuwola kunexesha lako;

6. ukufuna kunexesha lako, ukulahlekelwa kunexesha lako; ukugcina kunexesha lako, ukulahla kunexesha lako;

7. ukukrazula kunexesha lako, ukuthunga kunexesha lako; ukuthi cwaka kunexesha lako, ukuthetha kunexesha lako;

8. ukuthanda kunexesha lako, ukuthiya kunexesha lako; kukho ixesha lemfazwe, kukho nexesha loxolo.

9. Ùnalungelo lini na lowo usebenzayo, kuloo nto ayenzela imigudu?

10. Ndiwubonile umzamo, awuniké oonyana babantu uThixo, ukuba bawuzame.

11. Zonke izinto uzenzé zantle ngexesha lazo; kwanephakade ulinikele ezintliziyweni zabo ngohlobo lokuba umntu angasifumani isenzo asenzayo uThixo, athabathele ekuqaleni ade ase ekupheleni.

12. Ndiyazi ke ukuba akukho nto ilungileyo phakathi kwabo, ingekukuvuya nokuzizuzela okulungileyo ebomini babo.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 3