Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 2:18-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Ndayithiya yonke imigudu yam, endaphuka yiyo phantsi kwelanga, ekubeni ndiya kuyishiya nomntu oya kubakho emva kwam.

19. Waziwa ngubani na, ukuba wóba sisilumko, nokuba woba sisiyatha, kusini na? Ukanti uya kugunyazela emigudwini yam yonke endaphuka yiyo, endalumkayo kuyo phantsi kwelanga; kwanaloo nto ingamampunge.

20. Ndajika ke mna, ndayincamisisa intliziyo yam ngemigudu yonke endaphuka yiyo phantsi kwelanga.

21. Ngokuba kubakho umntu omigudu yakhe inobulumko, inokwazi, inempumelelo; ukanti uya kuyinika umntu ongenzanga migudu, ibe sisabelo sakhe; kwanaloo nto ingamampunge nobubi obukhulu.

22. Ngokuba umntu uba nantoni na ngemigudu yakhe yonke, nangenzondelelo yentliziyo yakhe, aphuka yiyo yena phantsi kwelanga?

23. Ngokuba imihla yakhe yonke inomvandedwa, nasekuzameni kwakhe ukhathazekile, nasebusuku ayiphumli intliziyo yakhe; kwanaloo nto ingamampunge.

24. Akukho nto ilungileyo ebantwini kunokuba badle, basele, bawubonise umphefumlo wabo okulungileyo emigudwini yabo. Kwanaloo nto ndiyibonile, ukuba ivela esandleni sikaThixo.

25. Ngokuba ngubani na ongádlayo, ngubani na ongávayo ubumnandi, engenaye?

26. Ngokuba umntu olungileyo phambi kwakhe umnika ubulumko nokwazi novuyo; ke yena umoni umnika umzamo wokuhlanganisa nokuqweba, ukuze loo nto ayinike olungileyo phambi koThixo. Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 2