Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 2:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndathi mna entliziyweni yam, Khawuze khe ndikulinge ngovuyo, ubone okulungileyo. Yabona, kwanaloo nto ingamampunge.

2. Ndathi kohlekayo, Ùyageza; nakovuyayo, Wénza ntoni na lo?

3. Ndasingasinga entliziyweni yam ukuba nditsale inyama yam ngewayini, ekubeni intliziyo yam iziqhuba ngobulumko; ukuba ndazane nobuyatha, ndide ndibone ukuba yiyiphi na into ebalungeleyo oonyana babantu, ukuze bayenze phantsi kwezulu, ngemihla embalwa yobomi babo.

4. Ndazenzela imisebenzi emikhulu, ndazakhela izindlu: ndazityalela izidiliya,

5. ndazenzela amasimi nemiyezo, ndatyala kuyo imithi eneziqhamo zonke;

6. ndazenzela amachibi amanzi okunyela ihlathi elihluma imithi;

7. ndathenga amakhoboka namakhobokazana, ndaba nawo nazalelwe endlwini yam. Kananjalo imfuyo yeenkomo neyempahla emfutshane yaba ninzi kum, ngaphezu kwabo bonke ababengaphambi kwam eYerusalem.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 2