Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 2:1-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndathi mna entliziyweni yam, Khawuze khe ndikulinge ngovuyo, ubone okulungileyo. Yabona, kwanaloo nto ingamampunge.

2. Ndathi kohlekayo, Ùyageza; nakovuyayo, Wénza ntoni na lo?

3. Ndasingasinga entliziyweni yam ukuba nditsale inyama yam ngewayini, ekubeni intliziyo yam iziqhuba ngobulumko; ukuba ndazane nobuyatha, ndide ndibone ukuba yiyiphi na into ebalungeleyo oonyana babantu, ukuze bayenze phantsi kwezulu, ngemihla embalwa yobomi babo.

4. Ndazenzela imisebenzi emikhulu, ndazakhela izindlu: ndazityalela izidiliya,

5. ndazenzela amasimi nemiyezo, ndatyala kuyo imithi eneziqhamo zonke;

6. ndazenzela amachibi amanzi okunyela ihlathi elihluma imithi;

7. ndathenga amakhoboka namakhobokazana, ndaba nawo nazalelwe endlwini yam. Kananjalo imfuyo yeenkomo neyempahla emfutshane yaba ninzi kum, ngaphezu kwabo bonke ababengaphambi kwam eYerusalem.

8. Ndaziqwebela nesilivere, negolide, nezinto eziziinqobo zookumkani ngookumkani, nezamazwe ngamazwe; ndazenzela iimvumi neemvumikazi, neziyolo zoonyana babantu, inkosikazi namakhosikazi.

9. Ndaba mkhulu ke, ndanda ngaphezu kwabo bonke ababeseYerusalem ngaphambi kwam; bathi nobulumko bam bandinceda.

10. Andiwabandezanga into yonke ayibizayo amehlo am; andiyivimbanga intliziyo yam namnye umvuyo; ngokuba intliziyo yam yayivuya emigudwini yam yonke, saba sesi ke isabelo sam emigudwini yam yonke.

11. Ndabheka mna ezenzweni zam zonke, ezazenzáyo izandla zam, nasemigudwini yam endaphuka yiyo ukuyenza; ndayibona ukuba yonke loo nto ingamampunge nokusukelana nomoya; akukho lungelo phantsi kwelanga.

12. Ndazijika mna, ndakhangela ubulumko, nobugeza, nobuyatha; ngokuba ngumntu oyini na, lowo uya kuza emva kokumkani? lo ubeselenziwe kade?

13. Ndabona ukuba ubulumko buyabugqitha ubuyatha, njengokuba ukukhanya kubugqitha ubumnyama.

14. Isilumko, amehlo aso asentlokweni yaso; ke sona isinyabi sihamba emnyameni. Ndaqonda ke mna ukuba bonke bephela bahlelwa sihlo sinye.

15. Ndathi mna entliziyweni yam, Njengoko sihlelwa kuko isinyabi, ndiya kuhlelwa kuko nam lo; ibiyini na ke ukuba ndisidlule mna ngokulumka? Ndathi entliziyweni yam, Kwanaloo nto ingamampunge.

16. Ngokuba isilumko kunye nesinyabi asinakukhunjulwa kungunaphakade, ekubeni kusiza iimini ezoba sezilityelwe zonke ezo nto. Kutheni na, ukuba zife izilumko kunye nezinyabi?

17. Ndabuthiya ke ubomi; ngokuba míbi kum imisebenzi eyenzeka phantsi kwelanga; ngokuba yonke loo nto ingamampunge, nokusukelana nomoya.

18. Ndayithiya yonke imigudu yam, endaphuka yiyo phantsi kwelanga, ekubeni ndiya kuyishiya nomntu oya kubakho emva kwam.

19. Waziwa ngubani na, ukuba wóba sisilumko, nokuba woba sisiyatha, kusini na? Ukanti uya kugunyazela emigudwini yam yonke endaphuka yiyo, endalumkayo kuyo phantsi kwelanga; kwanaloo nto ingamampunge.

20. Ndajika ke mna, ndayincamisisa intliziyo yam ngemigudu yonke endaphuka yiyo phantsi kwelanga.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 2