Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 12:8-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; into yonke ingamampunge.

9. Phezu koko, ngokuba iNtshumayeli ibisisilumko, yamana ibafundisa abantu ukwazi, yalinganisela, yabagocagoca, yayila imizekeliso emininzi.

10. INtshumayeli yafuna, inga ingafumana amazwi anandiphekayo, kuthi nokubhalwayo kulunge, ibe ngamazwi enyaniso.

11. Amazwi ezilumko anjengeemviko; anjengezikhonkwane ezitshonisiweyo, asezintlanganiseleni anikwe ngumalusi emnye.

12. Nangaphezu koko, nyana wam, vuseleleka; ukwenza iincwadi ezininzi akunakuphela, nokuphikela ukufunda okuninzi kudinisa inyama.

13. Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku: yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke.

14. Ngokuba izenzo zonke uThixo uya kuzizisa ekugwetyweni, izinto zonke ezifihlakeleyo, nokuba zilungile nokuba zimbi.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 12