Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 12:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Uze umkhumbule ke uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho, ingekezi imihla yobubi, ingekafiki iminyaka owothi ngayo, Ayindiyolele;

2. lingekabi mnyama ilanga, nokukhanya, nenyanga, neenkwenkwezi, engekabuyi amafu emva kwemvula;

3. loo mini baya kungevezela abagcini bendlu, agobe amadoda anobukroti, ziyeke iintokazi ezisilayo ngokuba zimbalwa, kube mnyama kwabakhangela ngeefestile;

4. zivalwe iingcango ngasesitratweni, kwakubon' ukuba sidambile isandi sokusila, evuka kwazisathetha iintaka, zinqwilile zonke iintombi zengoma;

5. naxeshikweni baya kuzoyika iindawo eziphakamileyo, neento eziqhiphula umbilini zibe sendleleni; utyatyambe umamangile,* uchabachabase umqhathu, utshitshe umnqweno; ngokuba umntu esiya ekhayeni lakhe laphakade, bajikajike ezitratweni abambambazeli;

6. ingekaqhawuki intambo yesilivere, lityumke iselwa legolide, uqhekeke umphanda emthonjeni, yaphuke ivili iwe equleni;

7. lungekabuyeli emhlabeni uthuli, njengoko belunjalo, umoya ubuyele kuThixo owawunikayo.

8. Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; into yonke ingamampunge.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 12