1. Uze umkhumbule ke uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho, ingekezi imihla yobubi, ingekafiki iminyaka owothi ngayo, Ayindiyolele;
2. lingekabi mnyama ilanga, nokukhanya, nenyanga, neenkwenkwezi, engekabuyi amafu emva kwemvula;
3. loo mini baya kungevezela abagcini bendlu, agobe amadoda anobukroti, ziyeke iintokazi ezisilayo ngokuba zimbalwa, kube mnyama kwabakhangela ngeefestile;
4. zivalwe iingcango ngasesitratweni, kwakubon' ukuba sidambile isandi sokusila, evuka kwazisathetha iintaka, zinqwilile zonke iintombi zengoma;
5. naxeshikweni baya kuzoyika iindawo eziphakamileyo, neento eziqhiphula umbilini zibe sendleleni; utyatyambe umamangile,* uchabachabase umqhathu, utshitshe umnqweno; ngokuba umntu esiya ekhayeni lakhe laphakade, bajikajike ezitratweni abambambazeli;
6. ingekaqhawuki intambo yesilivere, lityumke iselwa legolide, uqhekeke umphanda emthonjeni, yaphuke ivili iwe equleni;
7. lungekabuyeli emhlabeni uthuli, njengoko belunjalo, umoya ubuyele kuThixo owawunikayo.
8. Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; into yonke ingamampunge.