Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 10:12-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Amazwi omlomo wesilumko anokubabala; ke yona imilebe yomlomo wesidenge iginya kwasona.

13. Ingqalo yamazwi omlomo waso bubudenge, nengqibo yomlomo waso bubugeza obubi.

14. Isidenge sandisa amazwi, engakwazi umntu okuya kubakho; nokuya kubakho emva kwakhe, ngubani na onokumxelela?

15. Imigudu yezidenge iyazixhamla, ezingakwaziyo ukuya emzini.

16. Yeha, wena lizwe likumkani ungumntwana, limatshawe adla kwakusasa!

17. Hayi, uyolo lwakho, lizwe likumkani ungunyana wabanumzana, limatshawe adlayo ngexesha elililo, enobugorha, engenamithayi!

18. Ngobuvila iyabhena imigadi; ngokuthamba kwezandla iyanetha indlu.

19. Benza isidlo ukuba bahleke, iwayini ivuyise ubomi; imali ilungele iinto zonke.

20. Musa ukumtshabhisa ukumkani, nasesazeleni sakho, ungasitshabhisi nesityebi ezingontsini zakho zokulala; ngokuba intaka yasendle yolihambisa elo zwi, nento enamaphiko iyixele loo ntetho.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 10