Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 1:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Amazwi eNtshumayeli, unyana kaDavide, ukumkani waseYerusalem.

2. Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; amampunge awo amampunge, yonke into ingamampunge.

3. Únalungelo lini umntu emigudwini yakhe yonke, ayenzayo phantsi kwelanga?

4. Kumka esinye isizukulwana, kulandele esinye isizukulwana; ke lona ihlabathi limi ngonaphakade.

5. Ilanga liyaphuma, ilanga libuya litshone, liphikele endaweni yalo apho liphuma khona.

6. Umoya uya ezantsi, ujikeleze usinge entla, uhamba ujikajikeleza, ubuye ubuya umoya ekujikelezeni kwawo.

7. Yonke imilambo iya elwandle, ukanti ulwandle aluzali; endaweni eya kuyo imilambo, ibuya iye kwakhona.

8. Zonke izinto ziyazixhamla; umntu akanako ukuzithetha; alihlúthi iliso kukubona, ayizali indlebe kukuva.

9. Into eyayikho yeya kubuya ibekho; into eyenzekáyo yeya kubuya yenzeke yona. Akukho nto intsha phantsi kwelanga.

10. Ukuba kukho into ekuthiwa, Yabona, le intsha! ibiselikho kade, emaphakadeni abekho ngaphambi kwethu.

11. Akukho kukhumbula abokuqala; nabasemva abaya kubakho, abayi kukhunjulwa ngabaya kuza emva kwabo.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 1