Testamente Endala

Testamente Entsha

Ingoma Yazo Iingoma 7:6-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Azi ùmhle, azi ùmnandi,Luthando, eziyolweni!

7. Iwonga lakho eli lifana nomthi wesundu;Amabele akho afana nezihloko zomdiliya.

8. Ndathi, Ndiya kumínya emthini wesundu;Ndiya kubambelela emagqabini awo;Amabele akho makabe njengezihloko zomdiliya,Nevumba lempumlo yakho libe njengeeapile;

9. Nekhuhlangubo lakho libe njengewayini le ilungileyo,Ihla kamnandi kwintánda yam,Ibanga ukuba uthethe umlomo wabaleleyo.

10. Mna ndingowentánda yam,Kukum ukungxamela kwayo.

11. Hamba, ntánda yam, siphume siye emaphandleni,Silale emizaneni.

12. Masivuke kusasa, siye ezidiliyeni,Sibone ukuba umdiliya unamathupha na, iintyantyambo zawo zibhenqekile na,Imirharnate ityatyambile na.Ndokunika apho izincokoliso zam.

13. Amathuma apha anevumba;Phezu kweminyango yethu ziziqhamo ngeziqhamo ezimnandi kakhulu, ezitsha kwanezidala,Endiziqwebele wena, ntánda yam.

funda isahluko epheleleyo Ingoma Yazo Iingoma 7