1. Azi kuhle ukunyathela kwakho ngeembadada, ntombi yenene!Izimbo zamanqe akho zinjengezidanga,Umsebenzi wezandla zengcibi.
2. Inkaba yakho sisidendeleko esiyinqila;Masingasweli iwayini ephithikeziweyo;Isisu sakho sisidimbilili sengqolowa,Sibiyelwe ngeenyibiba.
3. Amabele akho amabini anjengamankonyana ebhadi, Amankonyana amabini ebhadi, angamawele.
4. Intamo yakho injengenqaba yophondo lwendlovu;Amehlo akho ngamachibi aseHeshbhon,Ngasesangweni layo, inabantu abaninzi;Impumlo yakho injengenqaba yaseLebhanonEbheke eDamasko.
5. Intloko yakho phezu kwakho injengeKarmele,Ubuyakayaka bentloko yakho bunjengosinga olumfusa;Ukumkani ukhonkxwe ngeenjiko zabo.