Testamente Endala

Testamente Entsha

Ingoma Yazo Iingoma 4:7-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ùyinzwakazi kwaphela, wethu;Akukho siphako kuwe.

8. Yiza sihle eLebhanon, mtshakazi,Yiza sihle eLebhanon;Ufike ubonisele encotsheni yeAmana,Encotsheni yeSenire neHermon,Ezikhundleni zeengonyama, ezintabeni zezingwe.

9. Uyingxwelerhile intliziyo yam, dade wethu, mtshakazi;Uyingxwelerhile intliziyo yam ngomjezulo omnye,Ngamrhukane mnye wesambalo sakho.

10. Azi kuhle ukuncokolisa kwakho, dade wethu mtshakazi!Azi kumnandi ukuncokolisa kwakho ngaphezu kwewayini,Nevumba lamafutha akho ngaphezu kobulawu buphelele!

11. Umlomo wakho uvuza incindi, mtshakazi;Bubusi namasi ngaphantsi kolwimi lwakho.Ivumba leengubo zakho linjengevumba leLebhanon.

12. Ngumyezo obiyelweyo udade wethu, umtshakazi;Ngumgogogo ovaliweyo, liliso lomthombo elitywiniweyo.

13. Amahlumelo akho ngumyezo wemirharnate, kunye neziqhamo ezimnandi kakhulu,Ikofere* kunye nenadusi;*

14. Inadusi nesafron,*Ikalamo* nesinamon,* kunye nemithi yonke yentlaka emhlophe,Imore nehaloti,* kunye nobulawu bonke obuyintloko.

funda isahluko epheleleyo Ingoma Yazo Iingoma 4