Testamente Endala

Testamente Entsha

Ingoma Yazo Iingoma 4:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yabona, ùyinzwakazi, wethu; yabona, ùyinzwakazi.Amehlo akho anjengawamavukuthu ngaphaya kwesigqubuthelo sakho;Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhweOsemathambekeni eentaba zaseGiliyadi.

2. Amazinyo akho anjengomhlambi weegusha ezichetyiweyo,Ezinyukayo zivela ekuhlanjweni,Zinamawele zonke,Kungekho ifelweyo kuzo.

3. Ùnjengosinga olubomvu umlomo wakho;Ukuthetha kwakho kumnandi.Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakhoNgaphaya kwesigqubuthelo sakho.

4. Intamo yakho injengenqaba kaDavide, eyakhiwe ngokweendidi,Ekuxhonywe kuyo iwaka leengweletshetshe,Onke amakhaka amagorha.

5. Amabele akho omabini anjengamankonyana amabini angamawele ebhadi,Esidla phakathi kweenyibiba.

funda isahluko epheleleyo Ingoma Yazo Iingoma 4