23. Ndamiswa kwasephakadeni, kwasentloko,Kwasemandulweni ehlabathi.
24. Ndazalwa kungekabikho manzi anzongonzongo,Kungekabikho mithombo inzima ngamanzi.
25. Ndazalwa kungekafakwa ntaba,Naphambi kweenduli;
26. Engekawenzi umhlaba namaphandle,Nothuli lonke lwelimiweyo.
27. Ekulilungiseni kwakhe izulu, ndandikho apho;Ekubuzungulezeni kwakhe ngomda ubuso bamanzi anzongonzongo;
28. Ekusiqiniseni kwakhe isibhakabhaka phezulu;Ekugalelekeni kwemithombo yamanzi anzongonzongo;
29. Ekulumiseleni kwakhe ulwandle umda walo,Ukuba amanzi angawugqithi umthetho wakhe;Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi:
30. Ndaye ndinaye, ndiyingcibi yomsebenzi,Ndiziyolisa ngokwam iimini ngeemini;Ndidlala phambi kwakhe ixesha lonke,