Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 8:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Abumemezi na ubulumko?Nengqondo ayilikhuphi na ilizwi layo?

2. Emantloko eendawo eziphezulu ngasendleleni,Ekuhlanganeni kweendlela, buzimisile.

3. Ngasemasangweni, ekuphumeni kuso isixeko,Ekungeneni eminyango, buyamemelela, buthi:

4. Ndimemeza kuni, madoda;Izwi lam ndilisingisa koonyana babantu.

5. Buqondeni ubuqili, ziyatha;Yiqondeni intliziyo, zinyabi.

6. Yivani, kuba ndithetha izinto zobuhlalu,Nokuvula imilebe yomlomo wam kuthe tye.

7. Ngokuba umlomo wam uxela inyaniso;Okungendawo kulisikizi emilebeni yomlomo wam.

8. Yonke intetho yomlomo wam isebulungiseni;Kuyo akukho kubhijeneyo nokujibilizayo.

9. Yonke iphela ithe gca konengqondo,Ithe tye kwabafumene ukwazi.

10. Yamkelani uqeqesho lwam, ningamkeli silivere;Yamkelani ukwazi ngaphezu kwegolide embiweyo, enyuliweyo.

11. Kuba ubulumko bulungile ngaphezu kwekorale,*Neento zonke ezinqwenelwayo azilingani nabo.

12. Mna, bulumko, ndakhele ebuqilini;Ndinokukufumana ukuyazi iminkqangiyelo.

13. Ukoyika uYehova kukuthiya into embi:Ikratshi nokukratsha, nendlela embi,Nomlomo onempenduka, ndiwuthiyile.

14. Likum icebo nozimaso;Ndiyingqondo, bobam ubugorha.

15. Ookumkani banobukumkani ngam;Nezidwangube zimisa ubulungisa ngam.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 8