Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 7:22-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Wamlandela ke ngesiquphe,Njengenkomo isiya ekuxhelweni,Njengesimathane sisiya kuqinwa ngamakhamandela,

23. Njengentaka ikhawulezela esibatheni;Ingazi ukuba oko kuyingozi kumphefumlo wayo,Lude utolo lusicande isibindi sakhe.

24. Ke ngoko, bonyana, ndiphulaphuleni,Niyibazele indlebe intetho yomlomo wam.

25. Intliziyo yakho mayinganxaxheli ezindleleni zakhe,Ungandwendweli emendweni wakhe.

26. Kuba zininzi iingxwelerha aziwisileyo;Linani elikhulu alibuleleyo.

27. Iziindlela zelabafileyo indlu yakhe,Zihla ziye ezingontsini zokufa.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 7