Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 6:12-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ngumntu olitshijolo, ngumntu okhohlakeleyo,Lowo uhamba ngokujibiliza komlomo wakhe;

13. Útyanda ngoshiyi, uqhubukusha ngeenyawo,Walatha ngophakathi wakhe.

14. Yimpenduka entliziyweni yakhe, uyila ububi ixesha lonke,Úngenisa ingxabano.

15. Ngenxa yoko kuya kufika ngesiquphe ukusindeka kwakhe;Úya kwaphuka ngephanyazo, angabi nakunyangwa.

16. Izinto ezintandathu uzithiyile uYehova,Ezisixhenxe zingamasikizi emphefumlweni wakhe:

17. Ngamehlo aqwayingayo; lulwimi oluxokayo;Zizandla eziphalaza igazi elimsulwa;

18. Yintliziyo eyila iingcinga zobutshinga;Ziinyawo ezikhawulezayo ukugidimela ebubini;

19. Lingqina elixokayo, elifutha amanga;Nongenisa ingxabano phakathi kwabangabazalwana.

20. Nyana wam, bamba umthetho kayihlo,Ungasilahli isiyalo sikanyoko.

21. Sibophe entliziyweni yakho okukanye,Usinxibe emqaleni wakho.

22. Ekuhambeni kwakho sókukhapha;Ekulaleni kwakho sókugcina;Ekuvukeni kwakho sóncokola nawe.

23. Ngokuba úsisibane umthetho, silukhanyiso isiyalo;Zinyindlela yobomi izohlwayo eziqeqeshayo;

24. Ukuba ugcínwe kumfazi onobubi,Ekugudeni kolwimi lowolunye uhlanga.

25. Musa ukubukhanuka ubunzwakazi bakhe ngentliziyo yakho,Angàkubambisi ngeenkophe zakhe;

26. Kuba ngenxa yehenyukazi umntu uda adle kuphela intendana yesonka;Umkamntu uzingela umphefumlo onqabileyo.

27. Umntu únokuwuthabatha na umlilo ase esifubeni sakhe,Zingàtshi na iingubo zakhe?

28. Únokuhamba na umntu phezu kwamalahle avuthayo,Zingatyabuki na iinyawo zakhe?

29. Únjalo ongena emfazini wommelwane wakhe;Akukho namnye umchukumisayo, oya kuba msulwa.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 6